Umatewu 27:47-56 Ibhayibhile (XHO96)

47. Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Lo ubiza uEliya.”

48. Wabaleka kwangoko omnye, wathatha imfunxa, wayithi nkxu kwiwayini emuncu, wayincula ngoluthi, waza wambambela ukuba ayifunxe.

49. Kodwa abanye bathi: “Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.”

50. UYesu ke wakhala kwakhona ngezwi elikhulu, wawunikela umphefumlo wakhe.

51. Lasuka ke lakrazuka kubini ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo ukususela phezulu kuye ezantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,

52. namangcwaba avuleka, bathi nabantu abaninzi bakaThixo ababefile bavuka,

53. baza baphuma emangcwabeni emva kokuvuka kukaYesu ekufeni, bangena kuso isiXeko esiNgcwele, babonakala kubantu abaninzi.

54. Umphathi-butho wamajoni, namajoni awayegade uYesu kunye naye, bathi bakubona ukunyikima komhlaba nokunye okwenzekayo, boyika kakhulu, besithi: “Inene, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”

55. Kwakukho nabafazi abaninzi, bekhangele bemgama. Bona babengabalandeli bakaYesu ukususela eGalili, bemlungiselela.

56. Kubo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi noYose, ekho kwanonina woonyana bakaZebhedi.

Umatewu 27