Umatewu 26:34-42 Ibhayibhile (XHO96)

34. UYesu ke wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, kwangobu busuku, ingekakhali inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”

35. UPetros wathi kuye: “Nokuba ndingade ndibe ndiza kufa kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho bonke ke abafundi.

36. Ke uYesu nabafundi bakhe bafika kwisitiya ekuthiwa yiGetsemane, wathi kubo: “Hlalani apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.”

37. Wahamba noPetros noonyana ababini bakaZebhedi, waza waba buhlungu, wadandatheka,

38. wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde kunye nam.”

39. Esukile kubo wathi qelele, wawa emhlabeni, wathandaza esithi: “Bawo, ukuba kunokwenzeka, yidlulise kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.”

40. Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Ubungenakulinda na nokweli thutyana?

41. Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.”

42. Wabuya wemka, waya kuthandaza, esithi: “Bawo, ukuba le ntlungu ayinako ukudlula kum ndingathanga ndayiva, makwenzeke ukuthanda kwakho.”

Umatewu 26