Umatewu 26:3-13 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ngelo xesha ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abantu babehlanganisene emzini kaKayafa, umbingeleli omkhulu.

4. Babebhunga iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale.

5. Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.”

6. Kwathi uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon uZitshangubana,

7. kwafika umntu obhinqileyo eneqhaga lelitye lelabhastile, linesiqholo esixabiso likhulu kunene. Kwathi, uYesu esetafileni, le ntokazi yamgalela entloko ngesiqholo eso.

8. Bekubona oku, abafundi bakaYesu bakhathazeka, bathi: “Bekutheni ukuze kwenziwe le nkcitho ingaka?

9. Esi siqholo ngesithengiswe ngemali eninzi, kwaphiwa amahlwempu.”

10. UYesu, ekwazi abakuthethayo, wathi kubo: “Niyikhathazelani na le ntokazi? Indenzele into entle.

11. Kaloku amahlwempu nisoloko ninawo; ke mna anisoloko ninam.

12. Le ntokazi ithe ngokwenjenje yawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.

13. Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”

Umatewu 26