Umatewu 26:26-38 Ibhayibhile (XHO96)

26. Xa babesitya uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.”

27. Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke;

28. kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono.

29. Ndithi kuni, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yeediliya, kude kube yiloo mini ndiyisela kunye nani iyentsha kwikomkhulu likaBawo.”

30. Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.

31. Ngelo xesha uYesu wathi kubo: “Ngobu busuku nonke niya kukhubeka ngenxa yam, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha.’

32. Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.”

33. Waphendula uPetros, wathi kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!”

34. UYesu ke wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, kwangobu busuku, ingekakhali inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”

35. UPetros wathi kuye: “Nokuba ndingade ndibe ndiza kufa kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho bonke ke abafundi.

36. Ke uYesu nabafundi bakhe bafika kwisitiya ekuthiwa yiGetsemane, wathi kubo: “Hlalani apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.”

37. Wahamba noPetros noonyana ababini bakaZebhedi, waza waba buhlungu, wadandatheka,

38. wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde kunye nam.”

Umatewu 26