Umatewu 26:20-28 Ibhayibhile (XHO96)

20. Kwakuhlwa ke, uYesu waya kuhlala etafileni, enabafundi bakhe abalishumi elinambini.

21. Xa babesitya, uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni uya kundingcatsha.”

22. Baza ke baba buhlungu, besithi kuye ngabanye: “Ngaba iya kuba ndim na, Nkosi?”

23. Wabaphendula wathi: “Lowo usithi nkxu esityeni isonka kunye nam, nguye oya kundingcatsha.

24. Okunene yena *uNyana woLuntu uyemka, njengoko zitshoyo ngaye *iziBhalo; kodwa hayi loo mntu angcatshwa nguye uNyana woLuntu! Ngekumlungele loo mntu ukuba ebengazalwanga.”

25. Waphendula uJudas, lowo wayeza kumngcatsha, wathi: “Ngaba iya kuba ndim na, Mfundisi?”UYesu wathi: “Nawe utsho.”

26. Xa babesitya uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.”

27. Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke;

28. kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono.

Umatewu 26