39. Ngaba sakubona nini na ugula, okanye usentolongweni, sakuhambela?’
40. Wophendula ukumkani athi kuwo: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni nithe nenjenjalo nakomnye kula mawethu angawona agqusha eluthulini, nithe nenjenjalo nakum.’
41. “Wothi ke kwabo bangasekhohlo: ‘Mkani kum, nina baqalekisiweyo nguThixo, niye emlilweni ongunaphakade, olungiselelwe umtyholi nezithunywa zakhe;
42. kuba ndandilambile, naza ànandipha kutya; ndandinxaniwe, naza anandipha manzi;
43. ndandingowasemzini, naza anandamkela; ndandihamba ze, naza anandambathisa; ndandigula, ndandisentolongweni, naza ànandihambela.’
44. “Bophendula ke bathi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, unxaniwe, ungowasemzini, uhamba ze, ugula, okanye usentolongweni, saza àsakunceda?’
45. Wobaphendula ke athi: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni ningenzanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenzanga njalo nakum.’
46. Baya kumka aba, baye esohlwayweni esingunaphakade. Ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.”