1. Xa uYesu wayephuma *endlwini kaThixo bafika abafundi bakhe, bambonisa isakhiwo sendlu leyo.
2. Waphendula wathi kubo: “Niyazibona zonke ezi zinto? Ndithi kuni, inene, akuyi kusala litye phezu kwelitye apha elingayi kudilizwa.”
3. Kwathi, xa uYesu wayehleli phantsi eNtabeni yemiNquma, beza kuye bebodwa abafundi, bathi: “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yintoni na umqondiso wokuza kwazo nowokupheliswa kweli phakade?”
4. Waza waphendula uYesu wathi: “Lumkani, ningàlahlekiswa bani,
5. kuba baninzi abaya kuza besebenzisa igama lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu.
6. Niya kuthi nive iimfazwe, namarhe eemfazwe; kodwa lumkani, ningabi navuso, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko.
7. Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iindlala, neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo.
8. Kunjengokuqala kwenimba ke konke oku.
9. “Ngelo xesha baya kunibamba, baninikele ekutshutshisweni, banibulale. Niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.
10. Ngelo xesha abaninzi baya kurhoxa elukholweni, bangcatshane, bathiyane.
11. Kuya kuvela *abashumayeli abaxokayo, balahlekise abantu abaninzi.