Umatewu 23:15-27 Ibhayibhile (XHO96)

15. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nityhutyha ulwandle nomhlaba ukuze nizuze nokuba mnye ongenayo ebuJudeni; kuthi ke, nakuba nimzuzile, nimenze ofanelwe sisihogo ngokuphindiweyo kunani.

16. “Mawoo, nina zinkokheli ziziimfama, nina enithi: ‘Ofunge *indlu kaThixo, akunto oko; kodwa ofunge igolide yendlu leyo, ubotshiwe sisifungo sakhe.’

17. Zidengendini zeemfama, kanene yintoni na enkulu? Ngaba yigolide leyo, okanye yindlu eyenza ibaluleke loo golide?

18. Kwakhona nithi: ‘Ofunge iqonga lamadini, akunto oko; kodwa ofunge umnikelo ophezu kweqonga, ubotshiwe sisifungo sakhe.’

19. Zimfamandini, ngaba yintoni na enkulu? Ngaba ngumnikelo lowo, okanye liqonga lamadini elenza ubaluleke loo mnikelo?

20. Ngoko ke, othe wafunga iqonga lamadini, ufunga lona kwanako konke okuphezu kwalo;

21. nalowo uthe wafunga indlu kaThixo, ufunga yona kwanalowo iyindlu yakhe.

22. Othe wafunga izulu, ufunga ikomkhulu likaThixo, efunga lowo uphetheyo apho.

23. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Ninikela kuThixo ngesishumi sayo imifuno enjengetyeleba nedile nekumin, kanti niyazityeshela ezona zinto zizizo zomthetho: ubulungisa, inceba, nentembeko. Ezi zinto benimelwe kukuzenza, nithi neziya ningazityesheli.

24. Zinkokhelindini eziziimfama, nihluza imbuzane, nisuke niginye isilo esingangenkamela.

25. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kokufunyenwe ngokuphanga nokunyoluka.

26. MFarasindini oyimfama, kuqala hlambulula umphakathi wendebe, wothi ke nomphandle ube uhlambulukile.

27. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nifana namangcwaba avetiweyo, ambonakalo intle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo ezidumbu nako konke okungcolileyo.

Umatewu 23