11. “Kwathi, akungena ukumkani, esiya kubona abasemsithweni, wabona kukho umntu ongayambathanga ingubo yomsitho,
12. waza wathi kuye: ‘Mfondini, ungene njani na apha ungenáyo ingubo yomsitho?’ Wakhohlwa kukuphendula.
13. Waza ukumkani wathi kwizicaka: ‘Mbopheni izandla neenyawo, nimphose phandle ebumnyameni lee, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.’
14. Kaloku baninzi abamenyiweyo, kodwa bambalwa abanyuliweyo.”
15. Bâya kubhunga ke *abaFarasi, becebisana ngokumbambisa ngamazwi uYesu.
16. Bathumela abafundi babo kuye, *benamaHerode, bathi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo, kuba akucengi bani, ungenamkhethe.
17. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga?”
18. Ke uYesu, eyazi inkohlakalo yabo, wathi kubo: “Bahanahanisindini, nindilingelani na?
19. Ndiboniseni imali ekurhafwa ngayo.”Bayizisa ke,
20. waza wathi kubo: “Ngokabani lo mfanekiso neli gama?”Bathi kuye: “NgokaKhesare.”
21. Waza uYesu wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”
22. Bakuva bamangaliswa, bamyeka bemka.
23. Kwangaloo mini kweza *abaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza