Umatewu 21:8-17 Ibhayibhile (XHO96)

8. Isihlwele esikhulu sabantu sazandlala izambatho zaso endleleni. Abanye baqhuzula amasebe emithini, bawandlala endleleni.

9. Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”

10. Akungena uYesu eJerusalem, isixeko sonke saphithizela, sisithi: “Ngubani na lo?”

11. Izihlwele zathi: “Lo *ngumshumayeli uYesu waseNazarete eGalili.”

12. UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa;

13. waza wathi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenze umqolomba wezihange.”

14. Beza kuye ke endlwini kaThixo apho abaziimfama nabaziziqhwala, waza wabaphilisa.

15. Bona ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho bahlabeka bakuyibona imimangaliso ayenzayo, bebona nabantwana endlwini kaThixo bekhwaza besithi: “Camagu! Nyana kaDavide!”

16. Baza ke bathi kuYesu: “Uyayiva na le nto bayithethayo aba?”UYesu wathi kubo: “Ewe. Aniyifundanga na eziBhalweni indawo ethi: ‘Wênza ukuba udunyiswe ngabantwana naziintsana.’”

17. Wabashiya, waphuma esixekweni, waya eBhetani, walala khona.

Umatewu 21