13. waza wathi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenze umqolomba wezihange.”
14. Beza kuye ke endlwini kaThixo apho abaziimfama nabaziziqhwala, waza wabaphilisa.
15. Bona ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho bahlabeka bakuyibona imimangaliso ayenzayo, bebona nabantwana endlwini kaThixo bekhwaza besithi: “Camagu! Nyana kaDavide!”
16. Baza ke bathi kuYesu: “Uyayiva na le nto bayithethayo aba?”UYesu wathi kubo: “Ewe. Aniyifundanga na eziBhalweni indawo ethi: ‘Wênza ukuba udunyiswe ngabantwana naziintsana.’”
17. Wabashiya, waphuma esixekweni, waya eBhetani, walala khona.
18. Ngentsasa elandelayo, xa wayebuyela esixekweni, walamba.
19. Wathi ebone umkhiwane ngasendleleni, waya kuwo, kodwa akafumana siqhamo, yaba ngamagqabi kuphela. Wathi kuwo: “Makungaze kubekho siqhamo kuwe naphakade.” Waza woma kwangoko umkhiwane lowo.
20. Bekubonile oku, abafundi bakaYesu bamangaliswa, bathi: “Kutheni ukuba usuke wome ngokukhawuleza kangaka lo mkhiwane?”