Umatewu 20:18-28 Ibhayibhile (XHO96)

18. “Niyabona, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa,

19. bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.”

20. Ngelo xesha unina woonyana bakaZebhedi weza kuYesu, ehamba noonyana bakhe; wafika wavova phambi kwakhe enesicelo.

21. UYesu wathi kuye: “Ufuna ntoni?”Wathi yena: “Ndicela ukuba aba nyana bam babini ubanike ezona zikhundla ziphezulu xa wena ungukumkani.”

22. Waphendula uYesu wathi: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako ukuyinyamezela intlungu endiza kuyiva mna?”Bathi ke bona kuye: “Sinako.”

23. Wathi kubo uYesu: “Okunene, intlungu yam niya kuyiva; kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezabo bazilungiselelweyo nguBawo.”

24. Bekuvile oku abafundi abalishumi, bakhathazeka yile nto yaba bafo bakaZebhedi.

25. Waza uYesu wababizela kuye, wathi: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo balawulayo banobukhosi; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya.

26. Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu;

27. nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu;

28. abe njengaye *uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”

Umatewu 20