Umatewu 2:14-23 Ibhayibhile (XHO96)

14. Wavuka ke uJosefu, wamthatha umntwana nonina ebusuku, wabalekela eJiputa,

15. wahlala khona de wabhubha uHerode.Oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa *ngumshumayeli, lisithi: “Ndambiza unyana wam waphuma eJiputa.”

16. Ke kaloku uHerode, akubona ukuba iingcali zeenkwenkwezi zimkhohlisile, waba nomsindo kakhulu, wayalela ukuba kubulawe bonke abantwana abangamakhwenkwe abaseBhetelehem nakuwo wonke loo mmandla, abaminyaka mibini bezelwe nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kwiingcali.

17. Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya esithi:

18. “ERama kwavakala isililo nesijwili esikhulu,uRakeli elilela abantwana bakhe,engavumi ukuthuthuzeleka,kuba babengasekho.”

19. Akuba ebhubhile uHerode, nâko kubonakala isithunywa seNkosi kuJosefu ephupheni eseJiputa,

20. sisithi: “Vuka, uthathe umntwana nonina, uye kwelakwaSirayeli, kuba bafile abo babefuna ukumbulala umntwana.”

21. Wavuka, wamthatha umntwana nonina, waya kwelakwaSirayeli.

22. UJosefu akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaJuda esikhundleni sikayise uHerode, woyika ukuya khona; wathi, eyalelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kwiphondo laseGalili,

23. waya kuhlala kwidolophu ekuthiwa yiNazarete. Oku kwênzeka ukuze kuzaliseke okwathethwayo *ngabashumayeli, besithi wobizwa ngokuba ngumNazarete.

Umatewu 2