20. Ke umfana lowo wathi kuYesu: “Zonke ezi zinto ndazigcina. Ngaba kusafuneka ndenze ntoni na?”
21. UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
22. Ekuvilé oku, umfana lowo wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.
23. Waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ndithi kuni, inene, kunzima kakhulu ukuba isityebi sibuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
24. Kananjalo ndithi kuni, kungálula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”
25. Bakukuva oku abafundi, bamangaliswa kunene, bathi: “Ngubani na ke onokusindiswa?”
26. Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”
27. Wathi ke uPetros: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela. Ngaba siya kufumana ntoni na ke thina?”
28. Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, nina eningabalandeli bam nothi kwiphakade elitsha, xa *uNyana woLuntu ahleli ebhotwe lobungangamsha bakhe, nani nihlale kwizihlalo zobukhosi ezilishumi elinambini, nibagwebe abezindlu ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.
29. Wonke umntu oncame ikhaya nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela ngokuphinda-phindiweyo, abe nenxaxheba kubomi obungunaphakade.
30. Baninzi phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.”