17. UYesu wathi kuye: “Kutheni ukuba undibuze ngokulungileyo? Mnye kuphela olungileyo. Ukuba ufuna ukubudla ubomi, yigcine imiyalelo.”
18. Waza wathi: “Yiyiphi le miyalelo?”UYesu wathi: “Yile ithi: Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki,
19. beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
20. Ke umfana lowo wathi kuYesu: “Zonke ezi zinto ndazigcina. Ngaba kusafuneka ndenze ntoni na?”
21. UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
22. Ekuvilé oku, umfana lowo wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.
23. Waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ndithi kuni, inene, kunzima kakhulu ukuba isityebi sibuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
24. Kananjalo ndithi kuni, kungálula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”
25. Bakukuva oku abafundi, bamangaliswa kunene, bathi: “Ngubani na ke onokusindiswa?”
26. Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”
27. Wathi ke uPetros: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela. Ngaba siya kufumana ntoni na ke thina?”