1. Ngelo xesha uHerode, owayephethe, waziva iindaba ezingoYesu,
2. waza wathi kwizicaka zakhe: “Lo nguYohane umbhaptizi. Uvukile kwabafileyo; yiyo le nto anamandla okwenza ezi zinto.”
3. Kaloku uHerode wambamba uYohane, wamkhonkxa, wamfaka entolongweni. Oku wakwenza ngenxa yokuba yena Herode wayehlalisana noHerodiya umka-Filipu, umninawe wakhe.
4. UYohane wasola uHerode, wamxelela ukuba akuvumelekanga ukuba ahlalisane naye.
5. UHerode wafuna ukumbulala uYohane, kodwa wayesoyika abantu, kuba babesithi ungomnye *wabashumayeli bamandulo.
6. Ngomhla wesikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, intombi kaHerodiya yangqungqa phambi kwababekho kwelo theko, yamkholisa uHerode,