Umatewu 13:38-53 Ibhayibhile (XHO96)

38. Intsimi le lihlabathi. Yona imbewu elungileyo ngabantu abalawulwa nguThixo. Ke lona ukhula ngabantu bongendawo.

39. Utshaba oluluhlwayelayo ngumtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli phakade. Abavuni zizithunywa zezulu.

40. Njengoko luqokelelwayo ukhula, lutshiswe, koba njalo ekuphelisweni kweli phakade.

41. UNyana woLuntu wozithuma izithunywa zakhe, zibaqokelele bangabikho apho alawula khona bonke abalahlekisayo, nabo bonke abenza okuchasene nomthetho,

42. zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.

43. Bothi ke abangamalungisa baqaqambe ngokwelanga bekwikomkhulu likaYise. Oneendlebe zokuva makeve.”

44. “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.”

45. “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswaOkanye “ubukumkani bezulu bunokufaniswa” nomrhwebi ohamba efuna *iiperile ezintle,

46. othi akubhaqa perile ithile ixabisekileyo, aye kuthengisa konke anako, ayithenge loo perile.”

47. “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswaOkanye “ubukumkani bezulu bunokufaniswa” nomnatha owaphoswa elwandle, wabambisa iintlobo ngeentlobo zeentlanzi;

48. ekuthe, wakuzala, watsalelwa elunxwemeni, kwahlalwa phantsi, ezilungileyo zaqokelelwa esityeni, ezimbi zalahlwa.

49. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. Zophuma izithunywa zezulu, zibakhethe abakhohlakeleyo kwabalungileyo,

50. zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.”

51. UYesu wathi: “Ngaba nikuqondile na konke oku?”Baphendula bathi: “Ewe.”

52. Waza wathi kubo: “Ke ngoko, umchazi-mthetho ngamnye othe waba ngumfundi wezolawulo lukaThixo, ufana nomninimzi onokukhupha izinto ezintsha kwanezindala kuvimba wakhe.”

53. Kwathi, uYesu akugqiba ukuyenza le mizekeliso, wemka apho.

Umatewu 13