11. “Ndithi kuni, inene, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo, mkhulu kunaye.
12. Ukususela kwimihla kaYohane umbhaptizi, kude kube ngoku, abantu babegxalathelana ukuya kulo ulawulo lukaThixo, abazimiseleyo bengena benyathelana.
13. Kwakuvakaliswa izibhalo zabo bonke *abashumayeli *nomthetho kaMosis, de kwafika uYohane.
14. UYohane nguye uEliya olindelweyo – ukuba ngaba niyavuma ukukwamkela oko.
15. Oneendlebe zokuva makeve.
16. “Ndiya kubafanisa nantoni na ke abantu besi sizukulwana? Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:
17. “ ‘Sanombelela, naza nina anaxhentsa;sanihlabelela ingoma yesililo, naza nina analila!’
18. “Kuba kaloku wafika uYohane umbhaptizi, ezila ukutya, engaseli wayini, kwaza kwathiwa: ‘Unendimoni.’
19. Wafika yena uNyana woLuntu esidla esela; kwaza kwathiwa: ‘Khanibone, umntu onyolukileyo, indlamanzi, umhlobo wabaqokeleli-rhafu naboni!’ Noko ke ubulumko bukaThixo bubonakala buyinyaniso ngayo yonke imisebenzi esisiqhamo sabo.”
20. Waza uYesu wazisola ngokungaguquki kwazo iidolophu apho wayesenza khona inkoliso yemimangaliso yakhe, esithi:
21. “Mawoo, wena Korazin! Mawoo, wena Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abemi bakhona ngebaguqukayo kwakudala, bambatha ezirhwexayo, bazigalela uthuthu.
22. Ewe, ndithi kuni, ngomhla womgwebo koba nokunyamezeleka okweTire nokweSidon kunokwenu.
23. Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. Ukuba yayithe yenzeka eSodom imimangaliso eyenzeke kuwe, ngeyisekho nanamhla.
24. Ewe, ndithi kuni, ngomhla womgwebo koba nokunyamezeleka okweSodom kunokwenu.”
25. Ngelo xesha uYesu wathi: “Ndiyakudumisa, wena Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana.