16. “Niyabona, ndinithuma njengeegusha phakathi kweengcuka. Ke ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nilulame njengamahobe.
17. Balumkeleni abantu, kuba baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo.
18. Nomiswa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam. Kulapho niya kundingqinela khona kubo nakuzo iintlanga.
19. Xa bathe banisa enkundleni yamatyala, ze ningaxhaleli ukuba nothetha ntoni na, nokuba nothetha njani na; kothi, lakufika elo xesha, niyinikwe into eniya kuyithetha,
20. kuba asinini abaya kuthetha, nguMoya kaYihlo oya kuthetha kuni.
21. “Oonyana bomntu omnye baya kusana ekufeni, uyise anikele umntwana, bathi nabantwana babavukele abazali, babanikele ukuba babulawe.
22. Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa.
23. Xa banitshutshisayo kule dolophu, yiyani kwenye, kuba inene, aniyi kuzigqiba iidolophu zakwaSirayeli engekafiki *uNyana woLuntu.
24. “Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, kungekho sicaka sikhulu kunenkosi yaso.
25. Makaneliseke umfundi kukuphatheka njengomfundisi wakhe, nesicaka kukuphatheka njengenkosi yaso. Ukuba umninimzi babemthuka ngokuthi unguSathana, ungáthini na ukungàthukwa ngakumbi ngoSathana umzi wakhe?”
26. “Musani ukuboyika abantu. Akukho nto igqunyiweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa.
27. Endikuthethayo kuni ebumnyameni, kuthetheni nina ekukhanyeni; enikusetyezelweyo nikubhengeze.
28. Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.
29. Andithi, iintaka ezincinci zithengiswa ngambini ngesenti? Kanti akukho nanye kuzo iya kuwa emhlabeni engavumanga uYihlo.
30. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.
31. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentaka ezininzi nina!”