11. uYosiya wazala uJoyakin nabantakwabo ngemihla yokufuduselwa kwabo eBhabheli.
12. Emva kokufuduselwa kwabo eBhabheli uJoyakin wazala uShalatiyeli; uShalatiyeli wazala uZerubhabheli;
13. uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;
14. uAzore wazala uZadoki; uZadoki wazala uAkim; uAkim wazala uElihudi;
15. uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;
16. uYakobi wazala uJosefu, umyeni kaMariya, unina kaYesu, lo kuthiwa *nguKrestu.
17. Izizukulwana bezilishumi elinane ukususela kuAbraham kuye kuDavide; zilishumi elinane ukususela kuDavide kuye ekufuduselweni kwabo eBhabheli; zikwalishumi elinane ukususela ekufuduselweni kwabo eBhabheli kuye ekuzalweni kukaKrestu.
18. Ukuzalwa kukaYesu Krestu kwakungolu hlobo: UMariya, unina, wayesendela kuJosefu, bengekatshati, kwabonakala ukuba uMoya oyiNgcwele wenze ukuba abe nzima.