Umarko 9:9-18 Ibhayibhile (XHO96)

9. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala ukuba bangazixeleli bani ezo zinto bazibonileyo, ade yena *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.

10. Babambelela kule ntetho, bebuzana bodwa ukuba ngaba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.

11. Bambuza uYesu besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?”

12. Waphendula wathi kubo: “Ewe, okunene nguEliya ofikayo kuqala azilungise zonke izinto. Kodwa ke kutheni ukuba *iziBhalo zitsho ukuthi uNyana woLuntu ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto?

13. Mna ke ndithi kuni: ufikile uEliya, baza abantu benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko zitshoyo ngaye iziBhalo.”

14. Bakufika kubafundi, babona isihlwele sibangqongile, nabachazi-mthetho bebaxoxisa.

15. Sakumbona isihlwele, savuyiseka kakhulu sonke, sasuka kwangoko saya kuye sibaleka, sambulisa.

16. Wababuza ke esithi: “Nixoxisana ngantoni na?”

17. Waphendula omnye esihlweleni apho wathi: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, kuba unendimoni emenza angathethi.

18. Ithi le ndimoni yakumqubula axhuzule, alephuze amagwebu, atshixize namazinyo, asuke ome. Ndithethe nabafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa bakhohlwa.”

Umarko 9