Umarko 8:28-36 Ibhayibhile (XHO96)

28. Bamphendula besithi: “Kuthiwa ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya. Kanti abanye bathi ùngomye *wabashumayeli.”

29. Wathi ke yena kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”Waphendula uPetros esithi kuye: “Wena unguye *uKrestu.”

30. UYesu ke wabayala ukuba bangaxeleli bani ngaye.

31. Waqala ke uYesu ukubafundisa abafundi bakhe, esithi: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.”

32. Wakuthetha oku kubo ngokucacileyo. UPetros ke, emse ngasese uYesu, wamkhalimela.

33. Uthe ke uYesu, ejikile wajonga kubafundi bakhe, wakhalimela uPetros, esithi: “Suka umke kum, Sathana. Akuzinyamekeli izinto zikaThixo; unyamekela ezabantu.”

34. UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.

35. Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa.

36. Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe?

Umarko 8