27. Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya ezidolophini zaseKhesariya-Filipi. Endleleni wababuza abafundi bakhe esithi: “Ngaba abantu bathi ndingubani na?”
28. Bamphendula besithi: “Kuthiwa ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya. Kanti abanye bathi ùngomye *wabashumayeli.”
29. Wathi ke yena kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”Waphendula uPetros esithi kuye: “Wena unguye *uKrestu.”
30. UYesu ke wabayala ukuba bangaxeleli bani ngaye.
31. Waqala ke uYesu ukubafundisa abafundi bakhe, esithi: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.”
32. Wakuthetha oku kubo ngokucacileyo. UPetros ke, emse ngasese uYesu, wamkhalimela.
33. Uthe ke uYesu, ejikile wajonga kubafundi bakhe, wakhalimela uPetros, esithi: “Suka umke kum, Sathana. Akuzinyamekeli izinto zikaThixo; unyamekela ezabantu.”
34. UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.
35. Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa.
36. Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe?
37. Okanye umntu wobeka ntoni elingana nexabiso lobomi bakhe?
38. Othe ke waneentloni ndim nangamazwi am kwesi sizukulwana sonayo, sikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, naye uNyana woLuntu woba neentloni nguye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.”