Umarko 8:23-30 Ibhayibhile (XHO96)

23. UYesu wayibamba ngesandla imfama leyo, waphuma nayo edolophini; waza wayiqaba ngamathe emehlweni, wayibeka izandla, wayibuza ukuba inanto iyibonayo na.

24. Yaphakamisa intloko, yathi: “Ndibona abantu, bengathi yimithi. Nâbo behamba.”

25. Kwakhona ke uYesu wazibeka izandla emehlweni ayo, yaza yakhangela yondela, yaphila, yabona konke ngokucacileyo.

26. UYesu ke wayiyalela ukuba igoduke, esithi: “Sukubuyela edolophini.”

27. Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya ezidolophini zaseKhesariya-Filipi. Endleleni wababuza abafundi bakhe esithi: “Ngaba abantu bathi ndingubani na?”

28. Bamphendula besithi: “Kuthiwa ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya. Kanti abanye bathi ùngomye *wabashumayeli.”

29. Wathi ke yena kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”Waphendula uPetros esithi kuye: “Wena unguye *uKrestu.”

30. UYesu ke wabayala ukuba bangaxeleli bani ngaye.

Umarko 8