27. Wathi ke uYesu kuye: “Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala. Kaloku akufanelekanga ukuba ukutya kwabantwana kunikwe iinjana.”
28. Waphendula yena wathi kuye: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana eziphantsi kwetafile zitya imvuthuluka yokutya kwabantwana.”
29. Waza wathi kuye uYesu: “Ngenxa yokuthethileyo, hamba uhambe: indimoni iphumile kwintombazana yakho.”
30. Egodukile ke, wayifumana intombazana yakhe ingqengqe ebhedini, iphumile indimoni.
31. UYesu ke waphuma emideni yaseTire, wadlula eSidon, waya kuLwandle lwaseGalili, ecanda kweleeDolophu eziliShumi.
32. Kweziswa kuye isithulu esithintithayo, wabongozwa ukuba abeke isandla phezu kwaso.
33. UYesu ke wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, wachukumisa ulwimi lwaso,
34. wakhangela ezulwini, wancwina wathi kuso: “Efata;” (oko kukuthi: “Vuleka”).
35. Zavuleka ke kwangoko iindlebe zaso, yacombuluka ingqambu yolwimi lwaso, sathetha kakuhle.
36. UYesu wabayala ukuba bangaxeleli bani, kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kokukhona bakuvakalisayo ngakumbi.
37. Abantu bamangaliswa bathi nqa, besithi: “Konke akwenzayo ukwenza kakuhle; uzenza nezithulu zive, nezimumu zithethe.”