5. Wayengenako ke ukwenza namnye ummangaliso apho, ngaphandle kokuba abeke izandla kwimilwelwe embalwa, ayiphilise.
6. Wayemangaliswa kukungakholwa kwabo.Wayejikeleza uYesu ezityhutyha iidolophana efundisa.
7. Wababizela kuye abafundi abalishumi elinambini, waza wabathuma ngababini, ebanike igunya lokoyisa iindimoni.
8. Wabayalela ukuba bangaphathi nto ngaphandle komsimelelo. Wayesithi mabangaphathi nangxowa, nasonka, namali embhinqweni;
9. bathi noko banxibe izihlangu, kodwa bangaphathi zambatho zingazibini.
10. Ngaphezu koko wathi kubo: “Kuloo ndlu nithe naya kungena kuyo, hlalani kuyo nide nimke kuloo dolophu.
11. Ukuba nithe nafika endaweni apho sukuba ningàmkelwa khona, okanye ningàphulaphulwa nokuphulaphulwa oku, mkani apho, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”
12. Baphuma ke, bashumayela besithi abantu mabaguquke.
13. Bakhupha iindimoni ezininzi, bayithambisa ngeoyile imilwelwe emininzi, bayiphilisa.
14. Wakuva ke oko ukumkani uHerode, kuba igama likaYesu lalithe laduma, kusithiwa: “UnguYohane umbhaptizi ovusiweyo kwabafileyo; kungoko ayenzayo le mimangaliso.”
15. Abanye babesithi: “ÚnguEliya;” abanye besithi: “*Úngumshumayeli ofana nabashumayeli bamandulo.”
16. Ekuvile ke oko uHerode, wathi: “Lo nguYohane, lowa ndamnqumla intloko. Naku evukile ngoku!”
17. Kuba uHerode ngokwakhe wayethumele ukuba abanjwe uYohane, afakwe entolongweni. UHerode wakwenza oku ngenxa kaHerodiya awayethe wamzeka nangona angumka-Filipu, umninawe wakhe.
18. Kaloku uYohane wayethe kuHerode: “Akuvumelekanga ukuba umthathe umfazi womntakwenu.”
19. UHerodiya ke wamxhiba, wazungula ukumbulala. Kodwa wayengenako,
20. kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elungileyo, engcwele, waza wambeka elugcinweni. UHerode wayethanda ukumphulaphula uYohane, nangona wayedideka kakhulu akumva.