Kuba uHerode ngokwakhe wayethumele ukuba abanjwe uYohane, afakwe entolongweni. UHerode wakwenza oku ngenxa kaHerodiya awayethe wamzeka nangona angumka-Filipu, umninawe wakhe.