Umarko 5:37-43 Ibhayibhile (XHO96)

37. Ke akavumela mntu ukuba ahambe naye, ngaphandle koPetros noYakobi noYohane, umninawe kaYakobi.

38. Bafika ke emzini wegosa lendlu yesikhungo, waza uYesu wasibona isiphithi-phithi sabalilayo nabenza isijwili esikhulu.

39. Akungena, wathi kubo: “Yini na ukuba nenjenje ukuphithizela nokulila? Akafanga umntwana; ulele.”

40. Basuka bamwa ngentsini. Wabakhuphela phandle ke bonke, wathatha uyise womntwana nonina, nâbo bafundi babenaye, wangena apho wayekhona umntwana.

41. UYesu ke wambamba ngesandla umntwana, wathi kuye: “Talita, kum;” oko kukuthi: “Ntombazana, vuka!”

42. Yavuka kwangoko intombazana leyo, yahamba-hamba. (Yayineminyaka elishumi elinambini izelwe.) Bamangaliswa abantu, bakhwankqiswa.

43. UYesu wabayala kakhulu ukuba bangaxeleli mntu, waza wathi mayinikwe into etyiwayo intombazana leyo.

Umarko 5