37. Ke kwabakho isaqhwithi esikhulu, amaza aphoseka esikhitshaneni, saza isikhitshana saphantse sazala ngamanzi.
38. UYesu wayephakathi esikhitshaneni, ethathe umqamelo walala ubuthongo. Bamvusa ke, bathi kuye: “Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?”
39. Wavuka ke, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle: “Yithi cwaka, uzole.” Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.
40. UYesu ke wathi kubo: “Yini na ukuba noyike kangaka? Kutheni ukuba ningakholwa?”
41. Babesoyika kakhulu, omnye esithi komnye: “He bethu, ngumntu onjani na lo ude alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”