Umarko 4:26-31 Ibhayibhile (XHO96)

26. Kwakhona uYesu wathi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokuthi umntu ahlwayele imbewu entsimini,

27. aze alale avuke imihla ngemihla, ibe yona imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo.

28. Kaloku umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yindubulo, ize ibe sisikhwebu esivuthiweyo.

29. Xa ke ithe yavuthwa ingqolowa, ingenwa ngerhenqe kwangoko, kuba ixesha lokuvuna lifikile.”

30. Kwakhona uYesu wathi: “Singakufanekisa nantoni na ukulawula kukaThixo? Singakuzekelisa ngamzekeliso mni?

31. Kunjengokhozo lwembewu yemostade. Ukhozo lwemostade lulolona luncinane kuzo zonke iintlobo zembewu emhlabeni,

Umarko 4