Umarko 16:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. Babethetha bodwa, besithi: “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye lisuke engcwabeni?”

4. Elo litye lalilikhulu kakhulu, baza bathi bakukhangela babona ukuba liqengqiwe lesuka engcwabeni.

5. Bangena ke engcwabeni, babona indodana ehleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende emhlophe, baza bamangaliswa.

6. Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo.

7. Hambani niye kubaxelela abafundi bakhe noPetros ukuba uyanandulela ukuya kwelaseGalili. Nombona khona apho njengoko wayetshilo kuni.”

8. Baphuma ke engcwabeni bebaleka, bengcangcazela besoyika. Abathetha nto ke nakubani, kuba babesoyika.[

9. Ekuseni ngeCawe, akuba uYesu evukile ekufeni, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala. Ke yena ngulo uYesu wayekhuphe iindimoni ezisixhenxe kuye.

10. UMariya ke waya kubaxelela abalandeli bakaYesu, ababekhedamile belila.

11. Bona ke, bakuva ukuba uYesu uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguMariya, basuka àbakholwa.][

12. Emva koko wabonakaliswa ngolunye uhlobo kubafundi ababini ababehamba besiya emaphandleni.

Umarko 16