1. Kwakusa ke, ababingeleli abaziintloko benza isigqibo, benamadoda amakhulu nabachazi-mthetho *neBhunga liphela. Bambopha ke uYesu, bemka naye, bamnikela kuPilato.
2. UPilato wambuza esithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”Waphendula yena wathi kuye: “Nawe utsho.”
3. Bammangalela ke uYesu ngeendawo ezininzi ababingeleli abaziintloko.
4. Waphinda uPilato wambuza esithi: “Akuphenduli nento le na? Khangela ukuba ninzi kwazo iindawo abakumangalela ngazo.”
5. Noko ke uYesu akaphendulanga nento le, ngokokude amangaliswe uPilato.
6. Ke kaloku *ngePasika uPilato wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye – lowo ke babethi bamcele.
7. Ke kwakukho mbanjwa uthile unguBharabha owayebanjwe kunye nabanye abenzi besaqunge, ababebanjwe ngokubulala xa kwakukho isidubedube.
8. Safika ke isihlwele, saza sacela ukuba uPilato enze ngokwesiqhelo.
9. Waphendula uPilato esithi: “Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaJuda na?”
10. Wayesazi ukuba ababingeleli abaziintloko bamnikele ngomona uYesu.
11. Ke bona ababingeleli abaziintloko basifunza isihlwele ukuba sicele ukuba asikhululele uBharabha, ingabi nguYesu.
12. Waphinda wabuza uPilato, esithi: “Ndimthini na ke lowo nina nithi ngukumkani wamaJuda?”
13. Baphendula bekhwaza besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!”
14. Wathi ke kubo uPilato: “Kuba enze bubi buni na?”Kodwa kwaba kukhona bankqangazayo, besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!”
15. UPilato ke, efuna ukusikholisa isihlwele, wamkhulula uBharabha, uYesu yena wamnikela ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni.
16. Amajoni amsa uYesu ngaphakathi kweyadi yomzi werhuluneli, alibizela ndawonye ibutho lawo liphela.
17. Amambathisa ingubo ebomvu uYesu, athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso,
18. aza akhahlela esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!”