1. Xa ke uYesu wayephuma *endlwini kaThixo, omnye umfundi wakhe wathi kuye: “Mfundisi, uyawabona la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?”
2. Waphendula uYesu wathi kuye: “Uyazibona ezi zakhiwo zingaka? Akusayi kusala litye phezu kwelitye elingayi kudilizwa.”
3. UYesu wayehleli eNtabeni yemiNquma, ejongene *nendlu kaThixo, baza bambuza bebodwa ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi:
4. “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yintoni na umqondiso wokuzalisekiswa kwazo.”
5. Waza wabaphendula uYesu wathi: “Lumkani ningalahlekiswa bani,
6. kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu.
7. Xa nithe neva ngeemfazwe nangamarhe eemfazwe, ze ningoyiki, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko.
8. Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo, kubekho neendlala. Kunjengokuqala kwenimba ke oko.