37. “Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ke ukuba ngunyana wakhe?”Yamphulaphula ngomdla loo ndimbane yabantu.
38. Ekusifundiseni kwakhe uYesu isihlwele wayesithi: “Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo kwiindawo zembutho,
39. befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni.
40. Abo bayiphangayo imizi nemfuyo yabahlolokazi, baze bazenzise besitsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”
41. UYesu waya kuhlala phantsi *endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali, wasibukela isihlwele sifaka imali kwisikhongozeli apho. Izityebi ezininzi zazinikela kakhulu.
42. Ke kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, wafaka iimalana zambini, ezixabiso limalunga nesenti.
43. UYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke abafake imali kwisikhongozeli.
44. Kuba bonke abanye banikele bekhupha kwintabalala yabo, kanti yena eswele nje, uzibhokoxile, wanikela konke abenako.”