Umarko 12:22-30 Ibhayibhile (XHO96)

22. bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.

23. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”

24. Wabaphendula uYesu wathi: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo.

25. Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka, àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini.

26. Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, anifundanga na encwadini kaMosis, kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo, okokuba uThixo wathetha naye esithi: ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’?

27. AkaThixo wabafileyo; unguThixo wabaphilayo. Ke nina nilahleke kakhulu.”

28. Kwafika omnye wabachazi-mthetho, wabeva bebambene ngemibuzo, waqonda ukuba uYesu ubaphendule kakuhle. Wambuza ke esithi: “Owona myalelo mkhulu kunayo yonke nguwuphi?”

29. UYesu wamphendula esithi: “Owona myalelo mkhulu ngulo uthi: ‘Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi ényé.

30. Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.’

Umarko 12