Umarko 12:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Waza ke uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi: “Umntu othile watyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe.

2. Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo ke, wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso.

3. Basuka bona basihlasela, basibetha, basindulula singaphathanga nto.

4. Wabuya ke wathuma esinye isicaka kubo. Sona basigqebha iinduma, basihlazisa.

5. Wabuya wathuma esinye, baza basibulala eso sicaka. Wathuma nezinye ke zazininzi, baza inxenye bayibetha, inxenye bayibulala.

6. Wathi ngoko, kusele mntu mnye angámthumayo, unyana oyintanda, wamthuma kubo ekugqibeleni, esithi: ‘Baya kumhlonela yena unyana wam.’

7. Ke bona abo balimi bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’

Umarko 12