Umarko 11:30-33 Ibhayibhile (XHO96)

30. Khanindixelele, ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?”

31. Baxoxa bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningamamkeli?’

32. Ngaba sinokuthi: ‘Lwaluvela ebantwini’?” – kodwa babesoyika isihlwele, kuba bonke babesithi uYohane *wayengumshumayeli ngokwenene.

33. Baphendula ke bathi kuYesu: “Asazi.”Waphendula uYesu wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”

Umarko 11