Umarko 11:15-25 Ibhayibhile (XHO96)

15. Bafika ke eJerusalem, uYesu waya kungena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa amahobe wazibhukuqa.

16. Wayengavumi ukuba kubekho bani ucanda endlwini kaThixo ethwele nokuba yintoni na.

17. Wabafundisa esithi: “Akatsho na uThixo *eziBhalweni ukuthi: ‘Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu ekuthandazelwa kuyo ziintlanga zonke’? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.”

18. Bekuvile oku ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho, bafuna indlela abanokumbulala ngayo uYesu. Babesoyika, kuba indimbane yonke yayimangalisiwe yimfundiso yakhe.

19. Kwakuhlwa, uYesu nabafundi bakhe baphuma esixekweni.

20. Kwaza kwathi kusasa, ukubuya kwabo, bawubona umkhiwane lowo womile ukususela ezingcanjini.

21. UPetros ke ekhumbule okwezolo, wathi kuye: “Mfundisi, khangela umkhiwane owuqalekisileyo womile.”

22. Waphendula uYesu wathi kubo: “Kholwani kuThixo. Ndithi kuni, inene,

23. othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.

24. Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.

25. Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu. [

Umarko 11