Umarko 11:10-24 Ibhayibhile (XHO96)

10. Makabongwe oza kuvusa ulawulo lukaBawo uDavide! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke.”

11. UYesu ke wangena eJerusalem, wangena *nasendlwini kaThixo, wahamba ezibuka izinto zonke, wathi, ngenxa yokuba kwakusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabafundi bakhe abalishumi elinambini.

12. Ngengomso, bakuba bephumile eBhetani, uYesu waziva elambile,

13. waza wathi, akuba ebone umkhiwane uthe qelele, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana siqhamo na kuwo. Akufika kuwo akafumananga nto ngaphandle kwamagqabi, kuba kwakungelilo ixesha lamakhiwane.

14. UYesu ke wathi kuwo umkhiwane: “Ze kungaze kutyiwe siqhamo kuwe naphakade!”Babesiva abafundi bakhe.

15. Bafika ke eJerusalem, uYesu waya kungena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa amahobe wazibhukuqa.

16. Wayengavumi ukuba kubekho bani ucanda endlwini kaThixo ethwele nokuba yintoni na.

17. Wabafundisa esithi: “Akatsho na uThixo *eziBhalweni ukuthi: ‘Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu ekuthandazelwa kuyo ziintlanga zonke’? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.”

18. Bekuvile oku ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho, bafuna indlela abanokumbulala ngayo uYesu. Babesoyika, kuba indimbane yonke yayimangalisiwe yimfundiso yakhe.

19. Kwakuhlwa, uYesu nabafundi bakhe baphuma esixekweni.

20. Kwaza kwathi kusasa, ukubuya kwabo, bawubona umkhiwane lowo womile ukususela ezingcanjini.

21. UPetros ke ekhumbule okwezolo, wathi kuye: “Mfundisi, khangela umkhiwane owuqalekisileyo womile.”

22. Waphendula uYesu wathi kubo: “Kholwani kuThixo. Ndithi kuni, inene,

23. othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.

24. Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.

Umarko 11