Umalaki 4:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Inene iyeza imini evutha okweziko apho bonke abakhukhumeleyo nabenzi bobubi baya kutsha njengomququ. Ewe, ngaloo mini baya kutsha baphele tu, kungasali sebe nangcambu.

2. Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni.

Umalaki 4