12. “Ke izizwe zonke zotsho zithi nithamsanqelekile, kuba ilizwe lenu loba lelihle kunene.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
13. “Nithethe amazwi aqatha ngam,” utsho uNdikhoyo.“Kambe ke nina nithi: ‘Sithethe ntonitna ngawe?’
14. “Kaloku nithi: ‘Kulilizé ukukhonza uThixo. Kube yinzuzoni na kuthi ukugcina oko akulindeleyo? Kusincede ntoni ukuhamba okwabazilileyo phambi koNdikhoyo onamandla onke?
15. Kakade, abanekratshi ngabona bathamsanqelekileyo! Abantu abenza izinto ezimbi bayaphumelela; uThixo bayamnyola, bajike basinde.’ ”
16. Ke bona abamhlonelayo uNdikhoyo babencokola bodwa, waza weva waphulaphula uNdikhoyo. Phambi kwakhe kwabhalwa incwadi yesikhumbuzo yâbo bamhlonelayo belinika imbeko igama lakhe.