Umalaki 2:4-14 Ibhayibhile (XHO96)

4. Noqala niqonde ke ukuba ndaninika lo myalelo ukuze umnqophiso wam noLevi ungaze wanqamka.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

5. “Umnqophiso wam noLevi wawungowobomi noxolo, ndaza ke ndamnika ezo zinto ukuze andihlonele. Ngenene wandihlonela, waloyika igama lam.

6. Imfundiso ephuma emlonyeni wakhe yayinyanisekile, kungafumaneki nkohliso emilebeni yakhe. Wahamba nam enoxolo nangokuthe ngqo, wabuyisa abantu abaninzi ebugwenxeni.

7. “Imilebe yombingeleli imelwe kukugcina ulwazi, abantu bafumane umyalelo emlonyeni wakhe, kuba kaloku ungumthunywa kaNdikhoyo onamandla onke.

8. Kambe ke, nina babingeleli, indlela niyityeshele. Imfundiso yenu ikhubekise abantu abaninzi. Niwonakalisile umnqophiso obuphakathi kwam noLevi.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.

9. “Ngenxa yoko nam ndonenza nideleke, nibe ngabahlazekileyo ebantwini bonke. Kaloku anizigcinanga iindlela zam, suka naba nesheyi kwimicimbi ephathelele emthethweni.”

10. Andithi na kaloku mnye ubawo wethu? Asidalwanga nguThixo omnye sonke na? Ngani ke ukuba singanyaniseki omnye komnye, futhi siwuxabhele umnqophiso owenziwa nguThixo noobawo?

11. Abantu bakwaJuda bazaphule izibhambathiso; benze amasikizi kwelakwaSirayeli naseJerusalem. Ewe, abantu bakwaJuda basixabhele isibingelelo asithandayo *uNdikhoyo, batshata neentombi ezinqula uthixo wasemzini.

12. Ngamana ke uNdikhoyo wamsika kumzi wakwaYakobi nabani na owenza isikizi elinje, nokuba angade azise iminikelo kuNdikhoyo onamandla onke.

13. Nantsi enye into eniyenzayo: Iqonga likaNdikhoyo nilitsho lithi gwantyi ziinyembezi, nintywizisa nincwina, kuba engasayise so iminikelo yenu, engasayamkeli ngothakazelelo ezandleni zenu.

14. Ke nina nithi: “Ngaba kutheni?” Kungenxa yokuba uNdikhoyo eyazi into eyenzekileyo phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho. Kaloku uzaphule izithembiso owazenza kunye naye, yena mlingane wakho, nditsho umfazi wakho onqophisene naye.

Umalaki 2