Umalaki 2:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. Nantsi enye into eniyenzayo: Iqonga likaNdikhoyo nilitsho lithi gwantyi ziinyembezi, nintywizisa nincwina, kuba engasayise so iminikelo yenu, engasayamkeli ngothakazelelo ezandleni zenu.

14. Ke nina nithi: “Ngaba kutheni?” Kungenxa yokuba uNdikhoyo eyazi into eyenzekileyo phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho. Kaloku uzaphule izithembiso owazenza kunye naye, yena mlingane wakho, nditsho umfazi wakho onqophisene naye.

15. Andithi na kaloku uNdikhoyo indoda nomfazi wabenza baba banye ngomzimba nangomoya? Ngani abenze babe banye? Wayefuna babe nenzala emhlonelayo uThixo. Ngoko ke wulawuleni umoya wenu, ungazaphuli izithembiso ozenze nomfazi wobutsha bakho.

16. “Ndiluthiyile uqhawulo-mtshato,” utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli. “Indoda eyenjenjalo imambathisa ngenkohlakalo umfazi wayo,” utsho uNdikhoyo onamandla onke.Ngoko ke wulawuleni umoya wenu, ningazaphuli izithembiso zenu.

17. *UNdikhoyo udiniwe ngamazwi enu, nibe nisithi: “Simdinise ngantoni?”Nimdinise ngokuthi: “Bonke abenzi bobubi balungile emehlweni kaNdikhoyo; yena wanelisekile ngabo.” Kwakhona ke nina nithi: “Yaz'ba uphi na uThixo wobulungisa?”

Umalaki 2