1. “Ngoko ke lo myalelo ubhekiswa kuni, babingelelindini.”
2. *UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ukuba aniphulaphuli nizimisele ngeentliziyo zenu ukulihlonela igama lam, ndiya kunithumela ishwangusha, nentsikelelo yenu ndiyenze ibe lishwangusha. Ngenene sendiqalile ukunishwabulela ngenxa yokuba ningazimiselanga ukundihlonela ngeentliziyo zenu.
3. “Niyabona, ndosinqamla isizukulwana senu, ubuso benu ndibutyabeke ngomswane, nize nilahlwe kunye naloo mswane.
4. Noqala niqonde ke ukuba ndaninika lo myalelo ukuze umnqophiso wam noLevi ungaze wanqamka.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
5. “Umnqophiso wam noLevi wawungowobomi noxolo, ndaza ke ndamnika ezo zinto ukuze andihlonele. Ngenene wandihlonela, waloyika igama lam.
6. Imfundiso ephuma emlonyeni wakhe yayinyanisekile, kungafumaneki nkohliso emilebeni yakhe. Wahamba nam enoxolo nangokuthe ngqo, wabuyisa abantu abaninzi ebugwenxeni.
7. “Imilebe yombingeleli imelwe kukugcina ulwazi, abantu bafumane umyalelo emlonyeni wakhe, kuba kaloku ungumthunywa kaNdikhoyo onamandla onke.