3. ndaza uEsawu ndamthiya, nomhlaba wakhe weentaba ndawutsho waba yinkangala, ilifa lakhe laba leleempungutye zasentlango.”
4. AmaEdom angasuka athi: “Nakuba sikhahlelwe phantsi nje, kodwa sosuka siwavuse siwakhe la mabhodlo.”Ke utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Makakhe kaloku, kodwa mna ndosuka ndidilize konke nje. Kuya kuthiwa bangummandla wobugwenxa, abantu abasoloko bephantsi kwengqumbo kaNdikhoyo.
5. Nani ke niya kuyibona ngawenu amehlo le nto, nitsho nithi: ‘Hayi ke kambe ubungangamsha bukaNdikhoyo! Bufikelela nangaphaya kwemida yakwaSirayeli!’ ”
6. “Unyana uyamhlonela uyise, kanti nesicaka siyayithobela inkosi yaso. Ukuba ke mna ndinguyihlo, kuphi ukuhlonitshwa kwam? Ukuba ndiyinkosi, kuphi ukoyikwa kwam?” Utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Nini, babingelelindini, abalidelayo igama lam.”“Ke nina nithi: ‘Silidele ngokuthini igama lakho?’
7. “Nibeka ukutya okungcolileyo eqongeni lam lamadini, nibe kodwa nisithi: ‘Sikunyelise ngokuthini?’“Ewe, ngokuthi kwenu: ‘Isithebe sikaNdikhoyo sidelekile.’
8. Ningathini ukundenzela idini ngento etyhaphakileyo? Asiyonto imbi na leyo? Ningathini ukundenzela amadini ngempahla eqhwalelayo negulayo? Asiyonto imbi na leyo? Ninganikela ngayo na kwirhuluneli yenu? Ngaba inganeliseka na nguwe?” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.