Uluka 9:8-24 Ibhayibhile (XHO96)

8. kusithiwa: “Kubonakele uEliya;” kusithiwa ngabanye: “Kubuye kwavuka *umshumayeli wexesha lamanyange.”

9. UHerode ke wathi: “Ndamnqumla intloko nje uYohane. Ngaba ngubani ke lo ndiva kuthethwa ezi zinto ngaye?” Watsho wafuna ukumbona.

10. Ekubuyeni kwabo *abathunywa bamxelela uYesu oko bakwenzileyo. Wabathatha ke, wemka nabo, waya kwidolophu ekuthiwa yiBhetesayida.

11. Sithe isihlwele, sikwazile oko, samlandela; waza uYesu wasamkela, wathetha naso ngolawulo lukaThixo, ephilisa abo baswele impilo.

12. Yakuba ke isimka imini, abafundi abalishumi elinambini bathe kuYesu: “Sindulule isihlwele, abantu bemke, baye ezidolophini ezijikelezileyo nasezilalini, balale, bafumane ukutya, kuba apha sikwindawo engenamizi.”

13. Ke yena wathi kubo: “Bapheni nina ukutya, batye.”Bathi bona: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela. Asinakubatyisa ngaphandle kokuba siye kubathengela ukutya bonke aba bantu.”

14. (Kwakukho amadoda akumawaka amahlanu.)Wathi kubafundi bakhe: “Bahlaliseni babe ngamaqela ngamaqela, iqela ngalinye libe ngamashumi amahlanu.”

15. Benjenjalo ke, babahlalisa phantsi bonke.

16. Ezithathile ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, ukhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza, wamana enika abafundi bakhe ukuba babele isihlwele.

17. Badla ke bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.

18. Kwathi uYesu ethandaza bucala enabafundi bakhe, wababuza esithi: “Ngaba izihlwele ezi zithi ndingubani?”

19. Baphendula bona bathi: “Kuthiwa unguYohane umbhaptizi. Abanye bathi unguEliya. Kanti abanye bathi kubuye kwavuka mshumayeli uthile wamandulo.”

20. Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”Waphendula uPetros wathi: “Unguye *uKrestu kaThixo.”

21. UYesu wabayala ngqongqo ukuba le nto bangayithethi mntwini.

22. Waza wathi uYesu: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.”

23. UYesu ke wabhekisa kubo bonke wathi: “Osukuba ethanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele;

24. kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.

Uluka 9