Uluka 7:24-37 Ibhayibhile (XHO96)

24. Bakuba bemkile abathunywa bakaYohane, uYesu wathetha ngoYohane kwisihlwele, esithi: “Naphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanya-zanyiswa ngumoya?

25. Naphuma nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumntu ohombileyo na? Niyabona, abo banxiba izivatho eziqaqambileyo, badle amanqatha elizwe, ngabasezindlwini zookumkani.

26. Ngaba naphuma nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumshumayeli na? Ewe, ndithi kuni, nibone oyena *ungumshumayeli ngokupheleleyo.

27. UYohane ngulowo uThixo atshoyo ngaye eziBhalweni ukuthi:“ ‘Naso isigidimi sam esiya kukwandulela,sikugabulele izigcawu.’

28. “Ndithi kuni, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo mkhulu kunaye.”

29. Bakukuva oku, bonke abantu, kwanabaqokeleli-rhafu, bakungqina ukulunga kukaThixo, ekubeni babebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane.

30. Ke bona *abaFarasi nabachazi-mthetho balidela icebo likaThixo lokubasindisa, kuba babengavumanga ukubhaptizwa nguYohane.

31. UYesu yena wayesithi: “Ndingabafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana?

32. Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:“ ‘Sanombelela, naza anaxhentsa;sanihlabelela ingoma yesililo, naza nina analila!’

33. “Kaloku wafika uYohane umbhaptizi, ezila ukutya, engaseli wayini, naza nina nathi: ‘Unendimoni.’

34. Ufikile ke yena *uNyana woLuntu, esidla, esela; naza nina nathi: ‘Khanibone, nanku umntu onyolukileyo, oyindlamanzi, umhlobo wabaqokeleli-rhafu *naboni!’

35. Kambe ke ubulumko bukaThixo bubonakaliswa buyinyaniso kubo bonke ababamkeleyo.”

36. *UmFarasi othile wamema uYesu ukuba aye kutya kwakhe. UYesu ke wangena endlwini yomFarasi lowo, waya kuhlala etafileni.

37. Kuloo dolophu kwakukho umfazi *owayengumoni, owathi, akuva ukuba uYesu usendlwini yomFarasi lowo, weza ephethe iqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha aqholiweyo.

Uluka 7