24. Wasuka uPilato wagweba ngelithi masenziwe isicelo sabo.
25. Wabakhululela lowo babemcela, owayethe ngenxa yesiphithi-phithi nokubulala waphoswa entolongweni. Ke yena uYesu wanikelwa ukuba kwenziwe kuye ngokwesicelo sabo.
26. Kwemkiwa ke noYesu, aza amajoni athi xhakamfu Simon uthile waseKirene, owayevela emaphandleni, awubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.
27. Wayelandelwa yinto eninzi yabantu, kukho nabafazi ababesenza isijwili, bemlilela.
28. Ejikile ke uYesu, wabakhangela, wathi: “Zintombi zaseJerusalem, sanukundililela mna; koko zilileleni nina nabantwana benu;
29. kuba, niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo: ‘Banoyolo abangazalanga, abangancancisanga mntwana.’
30. Ngelo xesha baya kuthi ezintabeni: ‘Siweleni, nisifihle!’ ezindulini bathi: ‘Sigqumeleleni!’
31. Xa utsha kangaka umthi oluhlaza, kobeka phi ke kowomileyo?”
32. Amadoda amabini, awayezizihange, ayeqhutywa esiya kubulawa kunye noYesu.
33. Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.
34. UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”Baza benza *amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe.