1. Loo mpi yonke yamsa kuPilato uYesu;
2. yammangalela isithi: “Lo simfumene elahlekisa uhlanga, engavumi ukuba sirhafe *kuKhesare, esithi yena unguye *uKrestu uKumkani.”
3. UPilato ke wambuza esithi: “Unguye na uKumkani wamaJuda?”Waphendula yena wathi: “Nawe utsho.”
4. UPilato wathi kubabingeleli abaziintloko nakwisihlwele: “Andifumani tyala kulo mntu.”
5. Kwaba kukhona bazingisayo besithi: “Údungadunga abantu, efundisa kulo lonke elakwaJuda, ukususela kwelaseGalili, kude kube lapha.”
6. Akuva kukhankanywa elaseGalili, uPilato wabuza ukuba uYesu ngowalapho na;
7. waza wathi, akuqonda ukuba ungowommandla ophethwe nguHerode, wamthumela kuHerode, owayeseJerusalem naye ngelo xesha.
8. UHerode akumbona uYesu, wavuya kunene; kwakukade efuna ukumbona, kuba wayeve kuthethwa lukhulu ngaye. Wayenqwenela nokubona umqondiso usenziwa nguYesu.
9. UHerode ke wabuza imibuzo emininzi, kodwa uYesu wathi tu.