Uluka 2:7-10 Ibhayibhile (XHO96)

7. Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.

8. Kwakukho abelusi kwakweso sithili, behlala ezindle, belinda imihlambi yabo ebusuku.

9. Babona isithunywa seNkosi simi ngakubo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke. Baza boyika kakhulu.

10. Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu.

Uluka 2